18.5 C
King William's Town
Tuesday, December 3, 2024

Uhlaba ikhwelo kwabomthetho uDiya ngelithi ubulungisa mabenziwe ngokukhawuleza

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane umemelele amapolisa oMzantsi Afrika (SAPS) ukuba aphande ngokukhawuleza izityholo zobuNdlobongela ngokweSini kunye nokubulawa kwabasetyhini (GBV&F), ngokunxulumene nongasekhoyo uSingwa Namhla Mtwa owafunyanwa ebulewe ngaphandle kwekhaya lakhe eMthatha. 21 kuTshazimpuzi 2022.

Kuthe kwavela kule veki ukuba ukubhubha kukaNamhla kusenokuba sisenzo solwaphulo-mthetho esithe gqolo, kodwa lityala le-GBV&F, ekufuneka liphandwe.

Oku kulandela kumakhasi onxibelelwano ekutyholwa ukuba ayenziwe ngudade wexhoba ngoLwesihlanu esithi makaphinde athatyathwe amanye amanyathelo kulo mba obonisa imifanekiso yongasekhoyo uNkosazana Mtwa ethwele amanxeba nemikrwelo, ecaleni kweencoko zakhe zika-WhatsApp nosapho nezihlobo etyhola le minyaka. ukuxhatshazwa bekusezandleni zesithandwa sakhe sexesha elide.

INkulumbuso uMabuyane uhlaziywe ngabasemagunyeni kwiSAPS malunga netyala lokubulala kwaye umemelele ukuba umnatha usasazwe ngokubanzi ukuze kuqukwe okwenzekayo kutshanje malunga ne-GBV&F.

“Kufuneka aphendule umntu ngokubulawa ngolunya kweli bhinqa liselula. Kukwafuneka sifumane iimpendulo kwimifanekiso esiyibone kwezi yure zingamashumi amabini anesine ebonisa ukuba phambi kokuba abhubhe, wayekhe wadibana nezenzo zoburhelemnqa,” utshilo iNkulumbuso uMabuyane.

“Imithetho yethu iyasixhobisa ukuba someleze umlo ochasene ne-GBV&F kwaye kufuneka siyisebenzise ukuveza nokubabeka ezincwadini abenzi bobu lwaphulo-mthetho bumanyumnyezi,” kuqhuba iNkulumbuso.

Umongameli uCyril Ramaphosa ekuqaleni enyakeni waye watyikitya umthetho okhusela amaxhoba oxhatshazo, nto leyo eyenza kube nzima ukuba abenzi bobubi babalekele ubulungisa.

“Sinethemba lokuba abomthetho baza kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo ukuphanda ezi zityholo kwaye okona kubalulekileyo bazise #uBulungisakuNamhla,” yongeza iNkulumbuso.

“Ndikwahlaba ikhwelo kubahlobo, usapho noluntu lwaseMpuma Koloni ngokubanzi ukuba luxhase iinzame zabezomthetho kuphando lwesi senzo solwaphulo-mthetho.”

“Kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuqinisekisa ukuba akukho nalinye igqiyazana elifumana ishwangusha elifana nelehlela uNamhla. Masiphakamise amazwi ethu ngaphezulu nangakumbi ngokuchasene nazo zonke iintlobo zobundlobongela obujoliswe kumanina,” uvale ngalo mazwi iNkulumbuso uMabuyane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18.5 ° C
18.5 °
18.5 °
88 %
4kmh
76 %
Tue
18 °
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
28 °
Sat
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks