Ngabantu ababini(2) abaphulukene nobomi babo ngelixa kuvakala ukuba bathathu(3) abafumene ukonzakala okumasikizi kwingozi yenoto eyenzeke eKeiskammahoek(Qoboqobo).
Lengozi yenzeke kwintsuku ezimbini ezidlulileyo umhla we(10 May 2022) malunga nentsimbi yesihlanu emva kwemini, emva kokuba isithuthi esinye sithe sabhukuqa kwindlela yegrabile eseRhabhula ukuya eZanyokhwe kuQoboqobo.
Sisithuthi sohlobo lweToyota Fortuner SUV nebisuka eRhabhula isingise eZanyokhwe nekuvakala ukuba ibinabakhweli abahlanu besiya eBurnsHill.
Umqhubi uphulukene nolawulo lwesithuthi eso ze sakubhukuqa. Ngekishwa amadoda amabini ebebekhwele kwesisithuthi babhengezwe njengababhubhileyo kwindawo yexhwayelo ngabeenkonzo zikaxakeka logama abonzakeleyo abathathu baye babalekiselwa esibhedlele i-S S Gida ukuze bafumane unyango oluthe kratya.
Ukanti omnye wabo bathe babhubha kulengozi kuvakala ukuba ngumtwana wegazi osuka kwibhunga lamaMbombo ekunye nomncedisi wakhe. UMphathiswa wezoThutho uWeziwe Gxithiwe Tikana, uvakalise amazwi ovelwano kwizihlobo nezalamane zosapho kwanokunqwenelela impilo ekhawulezileyo kwabo basachacha esibhedlele.
Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko le ndawo isaphandwa. Ityala lokubulawa kwabantu ngokungenanjongo belivuliwe eKeiskammahoek Saps (Qoboqobo) ukuze kuqhutyekwe nophando.

