Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, ubancome abongikazi kunye nabasebenzi beNkonzo yoNyango oluNgxamisekileyo njengamaqhawe namaqhawekazi emva kokuba besindise ubomi bomama osemncinci nosana lwakhe olusandul’ ukuzalwa emva kokuba ebebelekele kwindawo yangasese yaseMdantsane.
Abongikazi abaqeqeshiweyo, uNoxolo Ntshintshi, uLukhangele Nombewu, igosa le-EMS likaMoleboheng Ngoase kunye negosa elixhasa ubomi obusisiseko uLwandile Rawana baye bazisiwe malunga nomntwana wesikolo obeleka kwisikolo esikufutshane kwaye babalekiselwe ukumnceda ngempumelelo, ngoLwesithathu, umhla weshumi elinesixhenxe (17) kuCanzibe ka-2023.
Intombazana yesikolo yayibeleka yaye xa abasebenzi bezempilo bafika kwindawo yokuhlambela yesikolo, yayiphulukene negazi elininzi.
Abasebenzi be-EMS, ababengabokuqala ukufika esikolweni, banqumle inkaba ngelixa abongikazi bezinzisa umama omncinci phambi kokuba babalekisele kwisibhedlele iCecilia Makiwane.
Umama uyachacha esibhedlele ngelixa inyanda yakhe yovuyo, owazalwa enobunzima obuyi-2.2kg ikwakwesi sibonelelo. UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, uncome abasebenzi bezempilo.
“Olu luhlobo lwabasebenzi bezempilo esiludingayo. Bangamagorha kunye namaqhawekazi okusindisa obu bomi babini buxabisekileyo.
“Aba bongikazi bazinikeleyo kunye nabasebenzi be-EMS badlulele ngaphaya kobizo lomsebenzi. Siyazingca ngabo. Ngokuzinikezela okunjalo, abantu bethu basezandleni ezikhuselekileyo,” utshilo.
UNtshintshi usebenza kwi-ICU yosana ngelixa uNombewu ekwicandelo lophuhliso lwabasebenzi, apho aqhuba khona uqeqesho lwasemsebenzini noqeqesho lwenkonzo yoluntu, phakathi kolunye uxanduva.
UNombewu uthe bebelungiselela umbhiyozo weCMH International Nurses Day ngethuba efumana umnxeba ovela kuncedo lukatishala ophuma kwesi sikolo, ebalumkisa ngomntwana osemtsha ebebelekela kwindawo yangasese.
“Sixelelwe ukuba umntwana unentambo emqaleni ngoko sisuke sabaleka ukuya esikolweni. Ootitshala nabafundi babekhwaza becela uncedo.
“Ngethamsanqa, kwakusele kukho i-ambulensi kwindawo yesehlo. Aboncedo lokuqala banqumle inkaba. Siqaphele ukuba lomama ebebila ebhidekile ebesopha kakhulu.
“Simthathe samsa kwicandelo labasebenzi kulapho ababelekisi bathatha khona iintambo,” utshilo, esithi ukusindisa usana kunye nomama ngumzamo weqela.
Ebuzwa ukuba uvakalelwa njani ngoko bakwenzileyo, wathi: “Kum bubomi bam. Ukusindisa ubomi bubomi bethu. Ndicinga ukuba yayilicebo likaThixo ukuba sibe lapho.”
UNgoase no Rawana bebekwikhefu xa bexelelwa ngomntwana wesikolo obelekayo. UNgoase uthi bathuthe isigulana esisuka eMonti besisa kwisibhedlele iCecilia Makiwane ukuze sihlolwe iCT scan.
“Ngumsebenzi wethu. Siyiqhelile. Kodwa ndandiqala ukudibana esikolweni kuba iimeko ezinjalo siziqhelile emizini yabantu.
“Bekumnandi ukuba nenxaxheba ekusindiseni umama nomntwana. Yayiyimeko enzima kuba inkaba yayijikeleze intamo yomntwana.
“Kukho nomfundi odlale indima enkulu kuba ebambe inkaba ukuze ingamkrwitsha umntwana. Ndingathanda ukumbona kwakhona loo mfundi kwaye ndiyambulela ngendima yakhe,” utshilo.
Umphathiswa uMeth ubulele abasebenzi bezempilo abane ngeenzame zabo zokusindisa ubomi baba babini.
“Iimeko ezinje zisisizathu sokuba sivuselele iiMbasa zeBatho Pele zeNkonzo zokuGqwesa, kuba abasebenzi bethu bokhathalelo lwezempilo bayaqhubeka nokwenza konke okusemandleni abo mihla le ukusindisa ubomi.
“Sinethemba lokubona uninzi lwabasebenzi bethu bokhathalelo lwempilo ngokuzinikela bekhathalela abantu bethu nakwiindawo abahlala kuzo,” utshilo umphathiswa.
Ngemibuzo, qhagamshelana:
- UMnu Mkhululi Ndamase, iSithethi sikaMphathiswa ku-071 851 8338
- UNksz Yonela Dekeda, iSithethi sePhondo, iSebe eMpuma Koloni ku-083 378 0968