18.1 C
King William's Town
Sunday, October 19, 2025

Ingozi emasikizi kuN2 eMonti

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livulwe ngophando olongezelelweyo, oku emva kokuba iimoto ezimbini zidibene ngentloko kubantu be-6 balahlekelwa ubomi babo ngelixa i-2 yalimala kakhulu.

Esi sehlo senzeke ngo-09.02.2022 kwindlela uN2 eMonti kwindawo yaseNciba cuts eKomga esingise eGcuwa malunga no-17H30. Zombini ezi zithuthi bezisuka kwelinye icala iVW T Cross nezimbini ezingafaniyo nezisuka eMonti ngelixa iToyota Avanza ibinamadoda amathathu nabafazi abathathu kwicala laseGcuwa. Zombini ezi zithuthi zingqubane ngentloko kubantu abathandathu abebekhwele kwi-Avanza babhubhele kwindawo yexhwayelo kuquka nomqhubi ngelixa bobabini abebekhwele kwi-VW T Cross bonzakele kakhulu.

Abahlali bonzakeleyo babalekisele kwisibhedlele saseFrere ukuze bafumane unyango olongezelelweyo benomonzakalo omandla. Iimeko zingqonge unobangela wengozi engekaziwa okwangoku nanjengoko isehlo sisaphantsi kophando ngamaqela achaphazelekayo aquka isebe lezothutho kuzwelonke. Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe kwaKomga Saps ukuze kuqhutyekwe nophando ngabasemagunyeni abohlukeneyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
18.1 ° C
18.1 °
18.1 °
52 %
4kmh
48 %
Sun
19 °
Mon
21 °
Tue
26 °
Wed
33 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks